Amapolisa aKwaZakhele akhangela onokuba nolwazi ngokudutyulwa kubulawe owasetyhini
Image: SAPS
Amapolisa aKwaZakhele acela naye nabani na onokuba nolwazi olungakhokelela ekubanjweni komrhanelwa odubule wabulala owasetyhini (46), namhlanje uLwesihlanu, umhla we7 kweyoKwindla, KwaZakhele, eGqeberha.
Lo wasetyhini obuleweyo litshantliziyo elaziwayo uPamela Mabini waseGqeberha.
Ngokwengxelo kaCaptain Sandra Janse Van Rensburg, amapolisa aKwaZakhele athe asabela kwisikhalazo sokudutyulwa, nesehle kwisitalato iTshauka, KwaZakhele, malunga nomkhono phambi kwentsimbi yeshumi elinanye (10:45am) kusasa namhlanje, uLwesihlanu.
Ukugaleleka kwamapolisa kule ndawo, athe afumana imoto emhlophe yohlobo lweChevrolett SS bakkie, nalapho ngaphakathi befumene umzimba wowasetyhini, unamanxeba okudutyulwa.
Ingxelo iqhuba ithi, okwangoku azikabikho ezinye iinkcukacha ezithe zabe ziyafumaneka. Ukanti kuvulwe ityala lokubulala, kwaye liyaphandwa.
Amapolisa acela naye nabani na onokuba nolwazi malunga nesi senzo sokubulala, ukuba aqhakamshelane nomphandi weli tyala uD/Col Anthea Hector, kwinombolo ethi 082 457 5036, okanye atsalele umnxeba inombolo yeCrime Stop ku 08600 10111.
Ukanti kwabo bafutshane nesikhululo samapolisa, bangatyelela khona ukunika iinkcukacha, okanye basebenzise uMySAPS App ukugqithisa iinkcukacha.
Zonke iinkcukacha ziyakugcinwa ziyimfihlo, ze abo baya kuthi batsale iminxeba, amagama abo nabo aya kukhuselwa.
Related Topics: